HAYI UKUWA KWAMAGORHA: IMBEKO KUMAGQALA

Image of Dr SS Mdaka

Gqr. Lukhanyo E. Makhenyane

Umhlohli, iLwimi zabaNtsundu kwaNokholeji

Ubukhulu becala… iSebe leeLwimi zabaNtsundu kwaNokholeji (Yunivesithi yaseFort Hare) belibabalwe ngeengqangula zeengqanga ezintsiba zinde – uGqirhalwazi SS Mdaka noGqirhalwazi ZW Saul. Njengokuba iSebe lahlulwe kubini nje, izifundo zoluncwadi nezobusozilwimi, ezi zangxa ziyahula bezingumbilini wecala ngalinye. UGqirhalwazi Saul etshila, etshotsh’ entla kwezobusozilwimi ngeli lixa uGqirhalwazi Mdaka ebeyintshatsheli yeentshokotsheli yezifundo zoluncwadi. Awu, hayi ukuwa kwamagorha!

Ukuya kwam kwaNokholeji ukuqeqeshelwa ubutitshala ngowama2005, ndikhokelisa ngesiXhosa nesiNgesi, ndachukunyiswa kukuzingca okwaboniswa zezi zangxa nomoya wobuthandazwe owadakancwa zezi ngqangula zeengqanga. Akuzange kubekho nosuku olunye abakhe baphimisela ngemilebe yabo uthando lwabo lwesiXhosa, kodwa akuzange kubekho nosuku olunye bengalubonisanga ngehambo yabo uthando lwesiXhosa. Izifundo zabo zazingagcwelanga izixwexwe zamagama angathwelanga ntsingiselo njengamafu angenamanzi, kodwa zazizingqimba zamafu athe qhu yimvula yolwazi nobuchule bokuqwabulula iintsokotha zolwimi nobomi. Thina bahamba bayokufundisa isiXhosa, sisebenzisa amanqaku abo ekufundiseni izakhi nemigaqo yokusetyenziswa kolwimi ndawonye noluncwadi. Ukumenywa kwam ndiye kuhlohla IsiXhosa kwiYunivesithi yaseSol Plaatje, ndisebenzise amanqaku abo njengesiseko sokufundisa nokuphanda kwam. Ezi ngqangula zeengqondi zikhe zalikhokela iSebe leeLwimi zabaNtsundu kwaNokholeji, zikhondoza ngenkonzo enomkhondo, umkhitha nomkhoka okhwebayo. Kwesi sihlalo, basiphakamisile ekunyukeni kwabo, bemema abanye bethu kwimisitho yolwimi yePhondo. Yayingathi bayayazi ukuba ngenye imini siza kungena ezihlangwini zabo. Bebesithi xa befumana imisetyenzana yokuhlela, basabele, ukusibonisa ukuba ubani unako ukuphila ngesiXhosa. Awu, hayi ukuwa kwamagorha!

An image of Dr ZW Saul
Dr ZW Saul (Image: Dr Makhenyane)

Ukuphumelela kwam isidanga sokufundisa, ndabhalisela isidanga seeOnazi kwisiXhosa, nalapho ndakhetha iimodyuli ezimbini zikaGqirhalwazi Saul nezimbini zikaGqirhalwazi Mdaka. Oku kwaqinisekisa ukuba ndime ngazo zombini iintsika zokufundiswa kweeLwimi zabaNtsundu – ubusozilwimi noluncwadi. Ezi zangxa ziyahula aziphelelanga nje ekwandiseni ulwazi lwam lweLwimi zabaNtsundu, zandivulela indlela yokuba ngumphandilwazi. Zandikhuthaza ukubhala imisebenzi ephandwe ngobunono, zindigubela indlela kwizifundo zobuNgqawa (Mastazi). Ngaphambi kokuba ndichophela iimviwo zeeOnazi, sasisele siqalile ukuxoxa ngomba endiza kuphanda ngawo kwizifundo zobuNgqawa noGqirhalwazi Mdaka, njengekhankatha lam. Ngokukhokelwa nokondliwa zezi ndlezane, ndaziphumelela iOnazi nezifundo zobuNgqawa emagqabini (Cum Laude). KweyoMnga wama2020, ndibe ngumfundi wokugqibela wobugqirhalwazi kaGqirhalwazi Mdaka, ndingowesibini kwaNokholeji ukubhala ingxelo yophandolwazi ngesiXhosa, emza koGqirhalwazi Kapa. Awu, hayi ukuwa kwamagorha!

Ngaphandle kokuxhamla kubongqondi bezi ngqadada zoogqirha, saye sasikelelwa ngabazali. Basikhathalela njengabantwana babo, basithanda njengabantwana babo, basikhulisa ngokwabantwana babo. Ndafakelelwa yile ngqondi yakwaMdaka mhla imali yokuthenga isinxibo sokuthweswa kwisidanga sam sokuqala. Xa ndandiswele iinyawo zokuya eMonti ukusuka eDikeni, aba bazali bebesoloko bekulungele ukundibeleka. KuGqirhalwazi Mdaka, bendingunyana buqu, kwaye ingendim ndodwa. Awu, hayi ukuwa kwamagorha!

Namhlanje, ndingumhlohli kwiSebe leeLwimi zabaNtsundu kwaNokholeji, ndingena ezihlangwini ezikhulu zamaxhwangusha ebexhentsa odwa esixhontolweni sobusozilwimi noluncwadi. Nakubeni umsebenzi endijongene nawo undinkwantyisa, ndithuthuzelwa kukwazi ndimi emagxeni engxilimbela ezimbini. Xa ndimi emagxeni ezi ngxilimbela, ndiyibona ngokucacileyo incopho yentaba ebebelikhokelela kulo iSebe leeLwimi zabaNtsundu kwaNokholeji. NjengoMartin Luther King Jr., xa bephimisela awokugqibela amazwi, ndibava besebeza, Nyana, siye safika encotsheni yentaba, salibona iLizwe leDinga leeLwimi zabaNtsundu. Sisenokungafiki nawe kulo, kodwa wena uza kufika noogxa bakho. Ndiqeqeshwe zingxilimebela, izangxa ziyahula, iingqangula zeengqondi, amaxhwangusha axhentsa odwa esixhontolweni solwimi. Awu, hayi ukuwa kwamagorha!

3 thoughts on “HAYI UKUWA KWAMAGORHA: IMBEKO KUMAGQALA

  1. Sikhahlela kuwe Gqirhalwazi Makhenyane ! Qhuba nolwazi olushiywe ngalamaQhawe …ukuhamba kwalamaQhawe olwimi lwesiXhosa kushiye umzila kumatyendyana afana nawe . Qhuba Hlubi uzek’emzekweni ukuze iimfundiso zalamagqala zingaphelel’eboyeni okwezithukuthuku zenja . Hoha!!!! Ngabula wena .

Leave a Reply

Your email address will not be published.